Ayililo lonke ixesha apho kufunyaniswa ukuba umqeqeshi ukhokela umntu nomninawa wakhe kwitumente enye, kodwa uDamien Durandt uzakukwenza isihlandlo sesibini oko xa ekokhela uBrandon Thysse nomntakwabo uBryan ngethuba besilwa e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo. 

UDurandt wakhokelela oonyana bakwaThysse kwimpumelelo ngoMatshi kulonyaka ophelileyo, kwaye unethemba lokukuphinda oko xa uBrandon esilwa noRoarke Knapp kwitumente yeGolden Gloves njengokuba bezakulwela iintshinga zoMzantsi Afrika neWorld Boxing Council (WBC) Africa kudidi lwejunior-middleweight. Kwelinye icala, uBryan uzakuqubisana nesizalwane sakhe uGerhard Thysse kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelight-heavyweight. 

“Zonke izinto zihambe kakuhle ngokwamalungiselelo. UBryan ukubekele bucala konke ukuzalana kwakhe noGerhard. Naye uBrandon usebenze kakhulu kuba uyayazi into ayifunayo. UBrandon noRoarke basoloko besilwa kakuhle xa bequbisana,” utshilo uDurandt.

Izakuba sisihlandlo sesithathu ezimbethi-manqindi zimbini zisilwa kunye njengokuba uBryan waphumelela ngoNovemba 2011, waze uKnapp waphumelela ngoJuni 2022.

Kusenjalo, le yitumente apho imbethi-manqindi eyinzalelwane yaseMdantsane, uSanele Sogcwayi, azakulwa khona xa equbisana noTomas Shifiona waseNamibia. 

USogcwayi, oqale ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngoMatshi nyakenye, uyiphumelele yomine imilo yakhe, enqumamise amadoda amabini. Uzakulwa okokuqala ukususela wemkayo kuNcedo Cecane wayokuqeqeshwa nguManny Fernandes eBrian Mitchell Boxing Academy, e-Edenvale, eGauteng. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php