IMarumo Gallants ibhengezile emva kwemini ngoLwesibini ukuba iqeshe ummi waseMorocco uJamil Benouahi nengomqeqeshi wayo omtsha.

UBenouahi ungene esikhundleni sika-Alexander Lafitte, owamiswayo leliqela. Lommi waseMorocco wakhe waqeqesha i-USM Alger yase-Algeria, iRahimo yaseBurkina Faso kunye neJeddah yaseSaudi Arabia. Ukanti, wakhe walisekela-mqeqeshi kwi-AS FAR yaseMorocco. 

“Iqela liqinisekile ukuba ubukhali nokhokelo olululo lukaBenouahi luzakuba negalelo elikhulu njengokuba iMarumo Gallants iqhubela phambili nokudlala kulesizini,” itshilo iGallants. 

UBenouahil, oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe, uzakuxhuzula imikhala kumdlalo wakhe wokuqala xa iGallants idlala neMagesi FC eSeshego Stadium, ePolokwane, ngoLwesibini umhla wesixhenxe ku-Epreli. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php