IPanama yophule irekhodi lomqeqeshi uHugo Broos lokungabethwa ekhaya njengokuba ibethe iBafana Bafana ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo wobuhlobo eCape Town Stadium ngokuhlwa kwangoLwesibini.
Emva kokungabikho kwenqaku ekupheleni kwesiqingatha sokuqala, amakhwenkwe aseMbindi Melika aphale phambili ngenqaku likaJose Cordoba ngethuba ebetha unozinti olilalela uRenaldo Leaner ngomzuzu wamashumi amahlanu anesibhozo.
Kwimizuzu emithandathu elandelayo, umdlali wasemva kwiChicago Fire, uMbekezeli Mbokazi, owayesakudlalela i-Orlando Pirates, ufake inqaku lokulinganisa. Kodwa iPanama iphinde yaphala phambili ngenqaku elize ngentloko kaJiovany Ramos ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesixhenxe.