Author: SportAdmin

ZIBETHIWE KWAKHONA IIBRAZILIANS 

IDynamo Kyiv ibethe iMamelodi Sundowns ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo wobuhlobo eSportzentrum Wörgl kwelase-Austria ngokuhlwa kwangoLwesithathu. Umdlali wasesiswini noyinzalelwane yaseSenegal uSamba Diallo nguye ofake inqaku leqela lase-Ukraine ngomzuzu wamashumi amabini anesithandathu.…

LIPHANZILE ILINGE LOKUSHENXISA UTEMPI

Intlanganiso ebekuthiwe izakukhokelela ekuguzulweni komlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eNtshona naseMntla Koloni uMzoli Tempi iphelele eluhayini njengokuba ingaphumanga nasigqibo sokususa umntu. Abanamaphepha okusebenza kumanqindi kaBSA eNtshona Koloni bebehlangene kwintlanganiso apho…

UBONOKOANE UZAKUBUYELA ENAMIBIA

UThato ‘Captain Charisma’ Bonokoane waseKagiso, eKrugersdorp, kwiNtshona Randi uzakubuyela eNamibia emva kweenyanga ezintandathu waphulukana nomlo phaya. UBonokoane, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-featherweight, uzakulwa noMateus Heita kumlo weWorld Boxing…

css.php