Category: Boxing

USIBANDA URHOXILE KUMLO NOCANOY

UBeaven Sibanda, owonzakeleyo nonentliziyo ebuhlungu, unyanzeleke ukuba arhoxe kumlo wakhe noJoey Canoy wasePhilippines. USibanda ebezakukhusela intshinga yakhe ye-IBF International kudidi lweminimumweight xa esilwa noCanoy e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo…

UTSHABALALA ETHUBENI ELIHLE KWI-IBF

Kungaphelanga neentsuku ezimbini ezimanye kunye neNO DOUBT Management kaColin ‘Nomakanjani’ Nathan, uMpumelelo Tshabalala sele efumene ithuba lokulwa kumlo wokuzibekela indawo kowentshinga yehlabathi. UTshabalala uzakulwa noSergio Mendoza Cordova waseMexico kumlo wokuzibekela…

UYA ESUN CITY UMLO KABOYIYA NOZINGANGE

Ngelingeni ide yafunyanwa indawo ekuzakulwelwa kuyo umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight phakathi kuka-Aphiwe Boyiya noSibusiso Zingange. Usomaqhuzu weTLB Boxing Promotions uJoyce Kungwane uqinisekisile emva kwemini ngoLwesithathu ukuba lo mlo…

css.php