Category: Boxing

UBOOI UGXILA KUPHUHLISO, HAYI KWIINGXAKI 

Umthelekisi wamanqindi ozinze eMpuma Koloni uMzi Booi weKay B Promotions ukhetha ukugxila kuphuhliso endaweni yokubeka ingqondo yakhe kwiingxaki ezambethe amanqindi. Ngokwangoku, uBooi, ongumafik’izolo ekuthelekiseni, sele enze iitumente ezimbini nebeziyimpumelelo kulonyaka,…

UNQOTHOLE UZUNGULA IMPUMELELO 

Izakubaluleka kakhulu impumelelo kumlo wakhe olandelayo njengokuba uSikho ‘Sequence’ Nqothole esilwa noJafet Amukwa waseNamibia kwilinge lokubekwa kwindawo entle kuluhlu lwemibutho yamanqindi emine nephambili ehlabathini. UNqothole, oyinzalelwane yaseMthatha, ulwa no-Amukwa kwitumente…

UBRICE KWITHUBA LOKUZINGOMBA ISIFUBA 

Ukuvelisa imbethi-manqindi yokuqala yasetyhini ephuma eNtshona Koloni nephumelele intshinga yoMzantsi Afrika lithuba lokuzingomba isifuba kumthelekisi ophambili eKapa uJackie Brice weJackie Brice Boxing Promotions (JBBP). UNtombokuqala Tolashe, othelekiswa nguBrice, uphumelele intshinga…

UYABUYA UNYANGANI 

Ludidi olutsha njengokuba owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight uBangile Nyangani waseMthatha ezakubuyela eqongeni kulenyanga emva kokungalwi kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezilishumi elinambini. UNyangani akakalwi kususela mhla waphulukana nentshinga yoMzantsi Afrika ngethuba…

css.php