Category: Football

IICHILLI BOYS ZIPHANTSI KWELIFU ELIMNYAMA 

Iqela laseMpuma Koloni iChippa United izilile emva kokusweleka kobejongene neempahla zokudlala uThanduxolo Ntoni kwingozi yenqwelo-mafutha ngoMvulo. UNtoni obedume ngesiteketiso esithi ‘Yebho’, wayesoloko ebonakalisa ubuntu nobuhlobo kumntu wonke, kwaye ebelilungu elibalulekileyo…

ISTELLIES SILAHLELE IIROCKETS NGAPHANDLE 

IStellenbosch FC sityhilizele iTS Galaxy ngaphandle kwiMTN8 emva kokuyibetha ngamanqaku amathathu kwelinye eDanie Craven Stadium kwiCape Winelands emva kwemini ngeCawa. IiRockets ziphale phambili ngenqaku likaKamogelo Sebelebele ngomzuzu weshumi elinesibhozo. Kuthabathe…

USIRINO UQINISEKISWE NJENGOMDLALI WECHIEFS 

Iqela elizinze eNaturena iKaizer Chiefs iqinisekile emva kwemini ngoMgqibelo ukuba imtyikityile umdlali waseswini noyinzalelwane yase-Uruguay uGaston Sirino. USirino, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, utyikitye isivumelwano seminyaka emibini emva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns.…

UMAYO NGUMDLALI WEZANGXA ZASE-ALGERIA 

Ifolosi eyinzalelwane yaseMthatha uKhanyisa Mayo uzibandakanye nezangxa zase-Algeria iChabab Riadhi Belouizdad emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu esuka kwiCape Town City. Lonto ithetha ukuba uMayo oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu nongunyana…

css.php