UTSHABALALA UYACHACHA EMVA KOKUDUTYULWA

Igosa lobugcisa kwi-Orlando Pirates, uStanley ‘Screamer’ Tshabalala, uyachacha emva kokudutyulwa kuphango emzini wakhe eCenturion emva kwemini ngoLwesithathu. Lengxelo engokudutyulwa kukaTshabalala, owayesakuqeqesha iqela lesizwe loMzantsi Afrika iBafana Bafana, idizwe sisithethi sosapho,…

UNATHAN WANDISA UMMANGO WAKHE 

UColin ‘Nomakanjani’ Nathan uwandisile ummango wakhe kwakhona, efumana iimpepha zokusebenza njengomlawuli weembethi-manqindi kwelinye ilizwe kwilizwekazi i-Asiya kwiinyanga nje ezintandathu wafumana ilayisenisi yokusebenza eJapan. UNathan, ongumqeqeshi omkhulu eHotbox Gym eRhawutini, ngoku…

UMTOLO UTHABATHEKILE NGUTYIRHA, KODWA… 

Kungenzeka ukuba uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha akanaxesha lide esebenza nomqeqeshi wakhe omtsha, kodwa uVusi Mtolo uthabathekile ngulomfana owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight nangona nje esithi kusekuninzi okusafuneka bekwenzile. Lenzalelwane…

UMAGAGANE UGAGANA NOMFILIPINO

UJeff Magagane, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba, ufumana ithuba lokulungisa izinto emva kokuphulukana nemilo yakho emibini yokugqibela njengokuba ezakulwa noJonJon ‘Wolverine’ Estrada wasePhilippines kuleveki ezayo. Emva kokubethwa kabini kwimilo…

css.php