Intshatsheli yehlabathi, uJackson ‘M3’ Chauke, uzakube ewubukele ngomdla omkhulu umlo phakathi kukaRicardo Malajika noMarcel Braithwaite waseLiverpool, eNgilane, ngoMgqibelo kuleveki ezayo.
UMalajika uzakukhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight okokuqala xa esilwa nalomhlali waseLiverpool e-Emperor’s Palace, eKempton Park.
“Likhona ithuba lokokuba uJackson angalwa noMalajika ukuba uMalajika uwuphumelele umlo wakhe wangoMgqibelo kuleveki ezayo. UJackson uzakucela umngeni kwintshinga kaMalajika’,” uDamien Durandt, oqeqesha uChauke, utshilo.
“Into yokokuba uJackson angalwa kudidi lwejunior-bantamweight ayinanto yakwenza nokokuba ingaba uyasokola ukwenza ubunzima bodidi lwempukane kusini na. UJackson, oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo, ubenza lula ubunzima bodidi lwempukane. Ndisakholelwa nangoku ukuba udidi lwempukane lumlungela kakuhle. Kodwa, ndisakholelwa nokokuba umlo noMalajika yinto elangazelelwa kukubonwa nguMzantsi Afrika.”
UChauke waseTembisa, Ekurhuleni, uyinjinga ye-IBO kudidi lwempukane, intshinga leyo awayiphumelela ngethuba ebetha uQuaise Khademi eLondon, eNgilane, kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.
UDurandt woleke ngelithi akukho nto bazakuyithetha malunga nokuzakwenzeka kwintshinga ye-IBO kudidi lwempukane ukuba uChauke ugqibe ekubeni acele umngeni kuMalajika.