Usihlalo weNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) onxungupheleyo, u-Ayanda Matiti, uchaze uMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubekho uZizi Kodwa njengomntu odlala upuca nongakhathaliyo. 

UMatiti, ozinze eMonti, ebephendula emva kokuba uKodwa ebhengeze ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) ngoLwesibini kuleveki ephelileyo. 

Ethetha kwinkqubo ethi Game On kwiRadio2000 ngokuhlwa kwangoLwesithathu, uMatiti uthe: “Akukhange kunxityelelwane nathi kwakhona. Asikhange simenywe njengombutho kwintlanganiso yezintlu ezichaphazelekayo. Sicinga ukuba uMphathiswa udlala upuca. Akadlali puca kuphela, akakhathalali kananjalo.”

UMatiti wongeze ngelithi:”Ngokuqinisekileyo sibuyela enkundleni. Kodwa yahlukile ngoku indlela yokwenza kuba sisa uMphathiswa kuphela enkundleni. Khumbulani ukuba uMphathiswa ubhengeze ibhodi etyeshela umthetho. Sikhusela umthetho, logama silwela amalungelo ethu.

“Sisa uMphathiswa enkundleni ngendlela enze ngayo njengokuba sifuna sibekelwe bucala isigqibo sakhe. Asizokuyithintela ibhodi kuba ayizonyulanga, yonyulwe nguMphathiswa. Njengokuba ngoku kukho ibhodi akukhathaliseki nokuba ize njani na. Siyavuma ikhona ibhodi, kwaye kufuneka yenze umsebenzi wayo.”

Kusenjalo, lebhodi enamalungu asixhenxe ikhokelwa ngusihlalo wayo uSifiso Shongwe esebenzisana noGqirha Koketso Tsebe, uLuxolo September, uSakhiwe Sodo, uNande Mheshe, uRomy Titus noGqirha Luvuyo Bayeni. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php