USikho ‘Sequence’ Nqothole waseMthatha eMpuma Koloni ucacisile ukuba kutheni na lulibazisekile uhambo lomqeqeshi wakhe uPhumzile ‘Sweet Chocolate’ Matyhila lokuya eMexico.

UNqothole unikele uMzantsi Afrika umva, esingise eMexico ehamba noLudumo Lamati eyokuqukumbela amalungiselelo omlo wakhe nommi waseMexico uRene Calixto Bibiano. 

Ezimbethi-manqindi zimbini zizakuvana amandla e-Ixtapaluca ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesihlanu (ngeCawa umhla wamashumi amabini anesithandathu ngokwexesha loMzantsi Afrika). 

“Umqeqeshi wam ulibazisekile ngenxa yeengxaki zevisa. Kodwa ke, silindele ukuba afike emva kwemini namhlanje (ngoLwesithathu),” utshilo uNqothole. 

UNqothole, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, wongeze ngelithi: “Kushushu kakhulu apha. Bekunzima kusuku lwesibini nolwesithathu. Kodwa ke kuhle ngoku. Ndiwujonge ngamehlo abomvu umlo wam.”

Kusenjalo, uCalixto, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, akakabethwa kwimilo engamashumi amabini anesibini, engqengqise amadoda alithoba. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php