UNcedo Cecane unikwe uxanduva lokukhokelela uSiseko Makeleni edabini xa lembethi-manqindi yaseMthatha isiyokulwa noKaine Fourie, ongekabethwa, eRhawutini kulenyanga ezayo.
UMakeleni uzakudibana noFourie kumlo wentshinga engenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Continental Africa kudidi lwelightweight eBox Camp, eBooysens, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuJulayi.
“Ngenxa yokuxakeka okukhulu emsebenzini kulenyanga, ndibonile ukuba amanqindi mawangamiswa kukuxakeka kwam kunye neemviwo zam. Ndiye ndathetha noNcedo Cecane, ndamcela ukuba aqeqeshe uMakeleni, kwaye uye wavuma,” utshilo u-Amanda Magatya, ongumqeqeshi kaMakeleni.
“Ndizakube ndihlolwa nguzwelonke, kwaye ndinomsebenzi wesikolo ekufuneka ndiwufakile. Andifuni ukuba uMakeleni afede, yiyo lonto ndiye ndathetha noNcedoz. Bazakuqala ukusebenza noMakeleni ngoMvulo. Ndinethemba lokokuba uNcedoz noMakeleni bazakusebenzisana kakuhle. Ndizakumana ukubakroba xa ndifumene ithuba.”
UCecane, injinga yamhlamnene kudidi lwempukane eMzantsi Afrika, useGauteng apho azakukhokela uSiphamandla Baleni xa esilwa noBeaven Sibanda waseZimbabwe e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni ngokuhlwa kwangoMgqibelo. – Monwabisi Jimlongo