Ibhodi kaBoxing South Africa (BSA), eyaqala ukusebenza ngoMeyi kulonyaka, izakuvela phambi kwekomiti yezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko okokuqala ngoLwesibini.

Lebhodi ekhokelwa ngusihlalo wayo uSifiso Shongwe, iquka uGqirha uLuvuyo Bayeni, uSakhiwe Sodo, uLuxolo September, uGqirha Koketjo Tsebe, uRomy Titus noNande Mhashe, kwaye yatyunjwa ngowayenguMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa.

“NgoLwesibini ibhodi kaBoxing South Africa kunye nengqonyela izakuvela ngaphambi kwekomiti yezemidlalo epalamente,” utshilo uShongwe.

Ingxelo yomphicothi-zincwadi kwizimali zikaBSA kunyaka-mali ka-2023/24 izakuhliwa amahlongwane phezulu njengokuba lebhodi izakuthi muku ngaphambi kwekomiti yezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko.

“Sizakube sibeka izincomo esizifumene kwingxelo yezimali ebuya kumphicothi-zincwadi malunga nobume bequmrhu eli kunye nendlela esijonge ukusebenza ngayo ukubheka phambili. Sinethemba lokokuba ukwandlala kwethu umcimbi kuzakwamkelwa. Sithemba kananjalo ukuba iimpendulo esizilungisileyo zizakwamkelwa. Sikujonge ngamehlo abomvu ukuthethathethana kwethu,” uthethe watsho uShongwe.

I-Ink Sport ithelwe thsuphe ukuba imbi kakhulu ingxelo yomphicothi-zincwadi malunga nokuphathwa kwezimali kwaBSA njengokuba bekukho ubumpatha obukhulu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php