Umlawuli wangaphambili kaBoxing South Africa (BSA) eMpuma Koloni uPhakamile Jacobs ugqibe kwelokokuba angaphefumli malunga nokuthabatha amanyathelo ezomthetho “nokugxothwa” kwakhe nguBSA

I-Ink Sport ithelwe thsuphe ngabasemfuthweni wolwazi ukuba uJacobs uthabathe amanyathelo omthetho esithi “wagxothwa” ngendlela etenxileyo kwaBSA. 

Uthethe wenjenje uJacobs ngethuba etsalelwa umnxeba ngoMvulo: “Ndingathanda ukuba ndingaphefumli ngalomba.”

Ukanti usihlalo webhodi kaBSA uSifiso Shongwe uphikile esithi iqumrhu lakhe alizange limgxothe uJacobs.

“Akazange agxothwe nguBSA uMnumzana Jacobs. Ngokolwazi lwam, lenkqubo njengokuba ndaxelelwayo, sabhangiswa esinye isikhundla. Kwakhutshwa intengiso yokokuba nabani angafaka isicelo sokuba ngumlawuli waseMpuma Koloni, isikhundla eseza emva kokumanywa kwesikhundla saseGqeberha nesaseMonti,” ucacise watsho uShongwe. 

“Emva kokuba zingenile izicelo, abagqatswa banikwa ithuba lokuya kudlowanondlebe. USiya Vabaza-Booi waye waqeshwa.njengomlawuli omtsha kwiphondo laseMpuma Koloni. Yahamba ngolohlobo lankqubo.” 

UShongwe uqukumbele wathi: “Andazi nto ngokugxothwa kukaMnumzana uJacobs nguBSA. Isivumelwano sakhe sengqesho sasifikelele esiphelweni. Walinikwa ithuba lokuya kudliwanondlebe ukuze afumane esisikhundla.”

Kusenjalo, kwabakho uvuyo nemigcobo kumaphondo onke ngethuba uBSA evakalisa ukuba uSiya Vabaza-Booi uqeshwe njengomlawuli omtsha eMpuma Koloni engena esikhundleni esasibanjwe nguJacobs kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php