Ephumelele imilo emihlanu, waze wanqumamisa amadoda amathathu, uLindokuhle Khuzwayo, ongekabethwa, ukholelwa ukuba kungekudala uzakukulungela ukucela umngeni kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi.
UKhuzwayo, oqeqeshwa nguSean Smith eRhawutini, ubekwa kwindawo yesine kuluhlu lweembethi-manqindi zeli, kwaye usandula ukunqumamisa uSonwabile Marenene kumjikelo wesibini kumlo obubanjelwe e-Orient Theatre, eMonti, kulenyanga ephelileyo.
“Ndingathanda ukulwa noBatyi. Leyo yinto endiyilindeleyo nangona ndigqibele ukuziqeqesha ngaphambi komlo wam wangoDisemba,” utshilo uKhuzwayo.
Lenzalelwane yakwaMaphumulo, ezakufinca iminyaka engamashumi amabini anesibini ngo-Agasti, yalwa kakuhle kakhulu kudidi lwabangahlawulwayo, iphumelela imilo engamashumi amathandathu anesine, yabethwa kwemine kuphela.
Kusenjalo, i-Ink Sport ithelwe thsuphe ukuba umlawuli weKay B Promotions uMzi Booi sele olule isandla sakhe, wathetha nabaphathi bakaKhuzwayo ukuze azokucela umngeni kuBatyi, osele ekhusele intshinga yakhe izihlandlo ezine.
Kodwa ayikhange ivunywe imali uBooi abeyinika uKhuzwayo. UBooi wasiphucuka isivumelwano somlo nangona nje kungekacaci okokuba samkelwe okanye sityeshelwe kusini na ngabaphathi bakaKhuzwayo. – Monwabisi Jimlongo