Umqeqeshi wamanqindi ozinze eRhawutini uSean Smith ulibeke lacaca elokokuba akukho apho angxamele khona ngembethi-manqindi yakhe engekabethwa uLindokuhle Khuzwayo.
USmith ubephendula emva kokuba umnikazi weXaba Boxing Promotions u-Ayanda Matiti ekhwele ezehlela kuMzi Booi weKay B Promotions ngoLwesibini malunga nomlo kaKhuzwayo nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi.
“Andinaxhala lanto malunga nalepolitiki ethethekayo. Lomfana uselula kakhulu, kwaye unekamva eliqaqambileyo. Akukho apho singxamele khona, kwaye andizokumngxamisa. Useneminyaka engamashumi amabini ananye kuphela. Akufunekanga sinyoluke. Kufuneka lomfana akhiwe ngendlela eyiyo ngaphambi kokucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika. Mhlawumbi bendizakukuqonda okukungxama okungaka ukuba ebeneminyaka engamashumi amabini anesibhozo,” utshilo uSmith.
UKhuzwayo, ozakufinca iminyaka engamashumi amabini anesibini ngo-Agasti, ubekwa kwindawo yesine ngokoluhlu lukaBoxing South Africa (BSA), kwaye uyiphumelele kakuhle kakhulu imilo yakhe emibini yokugqibela.
Lenzalelwane yakwaMaphumulo iyiphumelele yomihlanu imilo yayo, emithathu yayo yayiphumelela ngokunqumamisa amadoda. – Monwabisi Jimlongo