U-Boxing South Africa (BSA) sele eqale inkqubo yokululeka u-Asemahle Wellem, uSihle Jelwana kunye noLusizo Manzana emva kokulwa kwelaseTanzania bengakhululwanga ngu-BSA ngoDisemba nyakenye. 

Ingqonyela ebambeleyo kwa-BSA uTsholofelo Lejaka uveze ukuba bacele uWellem, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight, uJelwana noManzana ukuba baphendule uthotho lwemibuzo malunga nemilo yabo kwelaseTanzania.

Esisithathu santingela, sayokulwa eTanzania singakhululwanga ngu-BSA. Ezimbethi-manqindi zahamba kunye nabaqeqeshi uPhumzile Matyhila, uKhangelani Jack noThembani Gopheni kunye nomlawuli kaWellem uSiya Zingelwa. 

“Kukho inkqubo asele eyiqalile u-Boxing South Africa. Uzakukhumbula ukuba apha sithetha ngeembethi-manqindi ezayokulwa kwelinye ilizwe zingagunyaziswanga nguBoxing South Africa. Lonto ke kukophula imithetho kaBoxing South Africa,” utshilo uLejaka.

ULejaka wongeze ngelithi: “Lento eyenziwe yiTanzania kukungahloniphi. Ngoko ke, ziliqela izinto esizakuzenza. Ezimbethi-manqindi ebeziyokulwa ngaphandle kwemida yeli sele zineeseshoni zokuqala kunye nathi kuba injongo yethu ayikokutshabalalisa, kukufundisa. 

“Ndiye ndagxininisa ukuba sithethe nabo ukuze bazosiqonda isigqitho sabo. Ngoku ke, bahleli nemibuzo ekufuneka beyiphendulile. Sibasikele ixesha lokuphendula loomibuzo. Kufuneka basixelele kungani na ukuba singabathabatheli amanyathelo. Ilapho ke inkqubo nezimbethi-manqindi.”

UWellem woyiswa nguFrank Shagembe Katwila, waze uManzana yena waquthiswa ngu-Ibrahim Mafia, ogama lipheleleyo lingu-Ibrahim Mustafa Kodema. Ukanti, yena uJelwana wabethwa nguHussein Amiri Chaubaya, owaziwa kakhulu ngegama elinguKalolo Amiri. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php