UNtethelelo Nkosi ebengenakuliphosa ithuba elikhulu lokuba yinxalenye yeWBC Grand Prix, kwaye yiyo lonto ethabathe isigqibo sokuyilahla intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight.
UNkosi uthabathe esisigqibo sokulahla intshinga yoMzantsi Afrika emva kokuba ikomiti evuma nekhaba imilo kuBoxing South Africa (BSA) iyalele ukuba akhusele ku-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya kulenyanga ezayo.
Kwincwadi ethunyelwe kuDamien Durandt, ongumqeqeshi kaNkosi, usihlalo wekomiti evuma nekhaba imilo u-Irvin Buhlalu uthe: “Ngenxa yento yonke ethethiwe, ikomiti iyalela ukuba intshatsheli ikhusele intshinga yoMzantsi Afrika ngomhla obekiweyo okanye iyishiye intshinga.”
Ephendula kwincwadi kaBuhlalu, uDurandt uthethe wathi: “Intshatsheli iqinisekisile ukuba iyayishiya intshinga yoMzantsi Afrika ngenxa yalemeko ekhoyo. Intshatsheli yenze isicelo sokokuba ibekwe kwindawo yokuqala kuluhlu lweembethi-manqindi emveni komlo wentshinga engenamntu.”
UDurandt unqwenelele uBoyiya amathamsanqa odwa kumlo wakhe ozayo nozakubanjelwa eMonti ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli.
Ukanti, uNkosi, owaphumelela intshinga yoMzantsi Afrika emva kokunqumamisa uPrince Dlomo kumjikelo wethoba ngoNovemba 2023, ebezakuyikhusela okwesibini lentshinga xa esilwa noBoyiya njengokuba wanqumamisa uSanele Msimang kumjikelo wokuqala ngo-Okthobha nyakenye.
Kusenjalo, iWBC Grand Prix izakuqala kwelaseSaudi Arabia kulenyanga ezayo, kwaye olukhuphiswano luneembethi-manqindi ezilikhulu elinamashumi amabini anesibhozo – kudidi losiba, olwejunior-welterweight, olwemiddleweight nodidi lwanzima.
Udidi ngalunye luneembethi-manqindi ezingamashumi amathathu anambini, kwaye zizakulwa kwazodwa. Olu khuphiswano luzakuqala kwisigaba seembethi-manqindi ezingamashumi amathathu anesibini, apho kuzakuliwa imilo yemijikelo esibhozo.
Inani lemijikelo lizakufunquka liyokutsho kwelishumi xa kufikelelwe kumagqibela kankqoyi. Abaphumeleleyo bazakuzuza iJose Sulaimán Trophy, ethiywe ngegama lomongameli weWBC, owalandulelayo eli. – Monwabisi Jimlongo