U-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile ukholelwa ukuba ayilunganga into yokokuba abantu bakholelwe ekubeni yena uya eKazakhstan okukwemvana eyokuxhelwa njengokuba ezakulwa nembethi-manqindi engekabethwa uSultan Zaurbek waseKazakhstan kulenyanga ezayo.
Emva kokubona irekhodi elihle kakhulu likaZaurbek, abanye abalandeli bamanqindi baye banembono ethi uFuzile uya eKazakhstan ukuyokufezekisa idinga njengokuba sele etyikitye isivumelwano sokulwela intshinga yeWorld Boxing Association (WBA) Continental kudidi lwejunior-lightweight.
UFuzile uzakungquzulana noZaurbek, onqumamise amadoda alishumi elinesithathu kumaxhoba akhe alishumi elinethoba, eBarys Arena e-Astana, ngoMgqibelo umhla wesihlanu ku-Epreli.
“Kumnandi ukuziqeqesha apha. Sele ndizakufika apho bendibhalele khona,” itshilo lentshatsheli yoMzantsi Afrika yamhlamnene kudidi losiba neneminyaka engamashumi amabini anesibhozo.
Ethetha ngokulwa noZaurbek kude nekhaya, uFuzile uthe: “Ubethe bani? Jonga ababantu ababethileyo, wakugqiba ujonge mna. Akufanelekanga ukuba ndithelekiswe neembethi-manqindi azibethileyo. Akukho namnye ofanele ukuba andijongele phantsi, ndiyayazi into endinokuyenza. Ndiya phaya, ndiyokuphumelela nangona nje ndisazi ukuba awuzokubalula umlo.”
UFuzile akakhathazeki nayinto yokokuba uZaurbek, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, ekwindawo yesihlanu kumanqwanqwa e-International Boxing Federation (IBF) nakwindawo yesithathu kwiWorld Boxing Association (WBA), endaweni yoko ukholelwa ukuba impumelelo izakumbeka endaweni entle.
“Khumbula ukuba ukhona kumanqwanqwa eembethi-manqindi. Ndifuna ukuba khona phaya kumanqwanqwa, kwaye ubukho bam phaya buzakundisondezela ekubeni ndilwele intshinga yehlabathi,” utshilo uFuzile, oyinzalelwane yaseDuncan Village. – Monwabisi Jimlongo