Uzakuqhubela phambili umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelight-heavyweight phakathi kukaMichael Head noBryan Thysse kwisithuba esingaphantsi kweeveki ezintathu.
Bekukho amathandabuzo ngalomlo emva kokuba bekuthiwe uHead akawazihlaziyanga amaphepha okulwa akwaBoxing South Africa (BSA).
Kodwa ke, kuye kwacaca ukuba ibiyinto nje yokungaqondi leyo njengokuba uHead ewahlaziyile amaphepha okulwa. Lo mlo wakhe uzakubanjelwa e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye.
“Uqhubela phambili umlo. Bekukho nje ukungaqondi, kwaye ndimbuzile uJeff (Ellis) wandixelela ukuba uHead uwavuselele amaphepha okulwa,” uqinisekise watsho umqondisi weGolden Gloves uRodney Berman, ozakuthelekisa ezimbethi-manqindi.
UHead ufumene ithuba lokulwela lentshinga engenamntu emva kokubetha uBonginkosi Nhlapo ngamanqaku, logama uThysse wabetha uTuvia Wewege ngoMatshi kulonyaka. – Monwabisi Jimlongo