Libhubhele ekhayeni lalo eKapa ngentseni yangoLwesine igqala lomqeqeshi wamanqindi nowayesakuba yimbethi-manqindi kudidi lwabahlawulwayo u-Emil Brice. Ubeneminyaka engamashumi amathandathu anesithandathu.
Ezindaba zibuhlungu zokusweleka kuka-Emil ziqinisekiswe ngumntakwabo uJack Brice, ongumthelekisi ozinze eKapa.
“Umntakwethu u-Emil ubhubhe ngentsimbi yesithathu ngalentsasa,” utshilo uJack ngethuba evakalisa iindaba zokusweleka komntakwabo.
U-Emil ubhubhe emva kwedabi elide nomhlaza. Imeko yakhe iqale ukuba mandundu ekuthwaseni kwalonyaka njengoko, waze wayokulaliswa nasesibhedlele.
Kusenjalo, u-Emil waqala ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngoMatshi 1978, ebetha u-Org Slabbert. Wabethwa nguBobby Chisale kumlo wakhe wokugqibela ngo-Epreli 1983.
Wayengumqeqeshi kaLunga Sitemela ngethuba enqumamisa uSibusiso Zingange kumjikelo weshumi ephumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight ngoMeyi 2022.
U-Emil wayesekoneni kaSitemela kwakhona ngethuba ephumelela intshinga yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-lightweight emva kokunqumamisa ummi waseBostwana uSteve Bagwasi kumjikelo wesithathu eGaborone ngoJuni 2023.