Ngahle ungabikho umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight phakathi ko-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya noSipho Mahlangu nohlelelwe iCawa yomhla wamashumi amabini anesihlanu kuMeyi.  

Oku kulandela emva kokuba abaphathi bakaSibusiso Zingange, obekwa kwindawo yesibini, bebhalele uBoxing South Africa (BSA) bekhalazela ukubekelwa bucala kwembethi-manqindi yabo kwakhethwa uMahlangu, okwindawo yesibhozo. 

Inkampu kaZingange ityhalela kwelokokuba alwe noBoyiya kumlo wentshinga engenamntu.  

I-Ink Sport ingadiza ukuba uBSA sele ebhalele umthelekisi kaBoyiya uMzi Booi weKay B Promotions emnika kude kube kusasa ngoMvulo ukuba afumane incwadi yokuthi gu bucala esuka kuZingange ukuba ufuna umlo kaBoyiya noMahlangu uvunywe njengowentshinga yoMzantsi Afrika. 

“Ngoko kuyacetyiswa ukuba ugxabhagxabhise uthethe nenkampu kaZingange, ufumane incwadi yokuthi gu bucala. Kungenjalo, ungacela kuBoxing SA ukuba lo mlo ingabi ngowentshinga, ukhumbule kananjalo ukuba ayichaphazeleki eminye imilo ekuletumente. Sicela impendulo yakho ngentsimbi yeshumi okanye ngaphambi kwayo ngoMvulo umhla weshumi elinethoba kuMeyi 2025 ukuze uzokufikelela esiphelweni lomba,” itshilo incwadi uBSA ayibhalele uBooi. 

Lentshinga yoMzantsi Afrika yashiyeka ingenamntu emva kokuthiwa xibilili nguNtethelelo Nkosi nowakhetha ukuthabatha inxaxheba kwiWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia. 

Ekuqaleni, uBoyiya watyikityela umlo noMahlangu owawuzakuba ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli e-Orient Theatre, eMonti. Kodwa lootumente yaye yabhekeliswa ngenxa yomsebenzi wokuvuselela ngokutsha kwe-Orient Theatre.   

UZingange wayezakuba nomlo noTalent Baloyi ngethuba kuvunyelwana ngomlo kaBoyiya  noMahlangu. UZingange wabetha uBaloyi ngamanqaku kumlo owawuseSandton, eRhawutini, ngoMatshi. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php