Kubonakala ngathi uLwando Mgabi ubashiye bethabathekile abalandeli bamanqindi KwaZulu-Natal emva kokunqumamisa uSechaba Zuma kumjikelo wesihlanu kumlo obubanjelwe kwiholo yedolophu yase-Estcourt kuloMgqibelo ogqithileyo.

UMgabi, oyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, uye kumlo noZuma sele ephulukene nentshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight emva kokoyiswa kukwenza ubunzima obuqingqiweyo.

Sele enziwe amacebo okuqinisekisa ukuba uMgabi uyabuya aphinde azokulwela nenye yeembethi-manqindi zaKwaZulu-Natal. UMgabi uzakukhetha phakathi kokulwa noNtethelelo Magcaba okanye enye imbethi-manqindi engekachazwa kulenyanga ezayo okanye ngo-Agasti. 

I-Ink Sport ithelwe thsuphe ukuba umthelekisi uNomvelo Magcaba-Shezi weMvelo Boxing Promotions uceba umlo phakathi kukabhuti wakhe uNtethelelo kunye noMgabi. Kwaye lo mlo uzakube ungowentshinga engenamntu eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight ngo-Agasti. 

Ukanti, uHlula Dladla weHlula Dladla Boxing Promotions (HDBP) naye uzama ukubuyisela uMgabi ukuba aphinde azokulwela KwaZulu-Natal.

“Ndixelelwe ukuba kukho umlo noMagcaba, ocetyelwa umhla wamashumi amathathu ku-Agasti. Kwelinye icala, kukhona into ayizamayo uDladla endizakufumana iinkcukacha ezithe vetshe ngayo ngoLwesihlanu,” udize watsho uMgabi. 

UMgabi uyiphumelele yosibhozo imilo yakhe, enqumamise amadoda amathathu, logama uMagcaba, oyinjinga yaKwaZulu-Natal neye-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi lwejunior-bantamweight, akakabethwa kwimilo emithandathu, enqumamise amadoda amahlanu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php