UTiisetso Matikinca, ongekabethwa kwimilo esixhenxe nobuyela eqongeni kwisithuba esingaphaya kwenyanga emva kokunqumamisa uMbulelo Gubula eSunBet Arena eTime Square, eMenlyn, ePitoli, akayicingi nokuyicinga into yokulwela intshinga yoMzantsi Afrika njengokuba esafuna ukuqhubela phambili nokuphumelela.
Enqumamise amadoda amahlanu kulemilo yakhe esixhenxe ayiphumeleleyo, uMatikinca, oyinzalelwane yaseMdantsane, uzakulwa noTefo Letshikgwane waseBotswana eGalleria, eSandton, eRhawutini ngoMgqibelo.
“Ndilwa nomfo waseBotswana ngoMgqibelo. Ngumlo wam wokuqala kwizinga lamazwe ngamazwe, kwaye ndiwulindele ngamehlo abomvu. Ndiyamhlonipha lamfo, ngethemba lokokuba uzakundinika umlo omhle. Bendifumana imilo ekhawuleza iphele. Kanti ke, ndisafuna ukubonakalisa isakhono sam kunye nobuchule bam. Ndinoluvo lokokuba andikasibonakalisi isakhono sam kunye nobuchule bam ukususela mhla ndaqalisa ukulwa kudidi lwabahlawulwayo,” utshilo uMatikinca.
“Ndalwa noSanele Maduna kumlo owawumhle nowaphela msinyane. Ndaphinda ndalwa noRofhiwa Nemushungwa. Salwa kakuhle, kwaye ndawonwabela lo mlo. Sekulithuba ndizama ukufumana imilo nezinye iimbethi-manqindi zalapha ekhaya, kodwa azifuni ukulwa nam. UKevin Lerena nomthelekisi bazamile ukundifunela umntu wokulwa phesheya, bamfumana, kodwa waphinda warhoxwa ngezizathu zakhe.”
Njengokuba ezinye iimbethi-manqindi ziye zilwele intshinga yoMzantsi Afrika zingekabinayo nemilo elishumi, akunjalo ke kuMatikinca, obekwa kwindawo yesihlanu kudidi lwentambanani.
“Intshinga yoMzantsi Afrika ikhona engqondweni yam, kodwa andikakulungeli ukuyilwela. Andifuni ukungxamela izinto njengokuba zisenza njalo ezinye iimbethi-manqindi eziyilwelayo lentshinga zakugqiba zinyamalale. Mhlawumbi ndizakucinga ngokuyilwela xa sele ndinemilo engaphaya kwelishumi,” uphefumle watsho uMatikinca.
Kusenjalo, uLetshikgwane, ozinze eTihareseleele, uzakulwa okokuqala kwisithuba esingaphaya konyaka njengokuba wagqibela ukulwa mhla wayebetha uBongani Makorova waseZimbabwe eFairgrounds, eGaborone, ngo-Okthobha 2023.
Sisihlandlo sesithathu uLetshikgwane esilwa ngaphandle kwemida yaseBotswana, kwaye akakayingcamli impumelelo njengokuba wabethwa ziimbethi-manqindi zaseNamibia uJohannes Simon noNathaniel Kamati kwimilo eyayibanjelwe eWindhoek Country Club Resort.
Eneneni, lenzalelwane yaseLobatse ibethwe kwimilo emithathu ziimbethi-manqindi zaseNamibia, uSimon, uKamati noTimoteus Shuulula. – Monwabisi Jimlongo