IBafana Bafana igqithele kumjikelo olandelayo wetumente ye-Africa Cup of Nations emva kokubetha iZimbabwe ngamanqaku amathathu kwamabini kumdlalo kaGroup B eMarrakech Stadium eMorocco ngokuhlwa kwangoMvulo.
IBafana inkqenkqeze phambili ngenqaku elifakwe nguTshepang Moremi, waze uTawanda Maswanishe wafaka inqaku lokulinganisa.
ULyle Foster ufake elesibini leBafana nekwalinqaku lakhe lesibini kuletumente. Kwakhona, iiWarriors zaseZimbabwe ziphinde zalinganisa ngethuba u-Aubrey Modiba ehlaba ngomkhonto ekhaya.
Inqaku lika-Oswin Appollis liqinisekise ukuba iBafana iyangena kumjikelo olandelayo waletumente.
NgeCawa amakhwenkwe omqeqeshi uHugo Broos azakudlala nephume kwindawo yesibini kuGroup F. Loomaqela ngala – iCameroon, i-Ivory Coast, iGabon okanye iMozambique.
Kusenjalo, iYiphutha iye kumdlalo wayo wokugqibela sele ingenile kumjikelo olandelayo njengokuba ibambene ngeqanda macala ne-Angola komnye umdlalo kaGroup B e-Adrar Stadium, e-Agadir.