Imbethi-manqindi ezinze eNtshona Koloni nengekabethwa, uNqaba Dantile, utyikitye neGround Up Sports Promotions njengekhaya lakhe, apho azakuthelekiswa khona, ngokuhlwa kwangoLwesithathu.
UDantile yintshatsheli yaseNtshona Koloni kudidi lweminimumweight emva kokohlutha lentshinga kuSandiso Centane nawambetha ngamanqaku eSN Boxing Gym, eDiep River, eKapa, kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.
Njengokuba eyiphumelele yomine imilo yakhe, enqumamise indoda enye, uDantile ungomnye weembethi-manqindi ezisakhulayo eMzantsi Afrika, kwaye uqeqeshwa nguJongi Kamko eGrassroots Academy, eKhayelitsha, eKapa.
Emva kwemilo engaphaya kwamakhulu amathathu kudidi lwabangahlawulwayo , uDantile wonyukela kudidi lwabahlawulwayo ngo-2023, apho walwa kanye kuphela. Akazange alwe unyaka wonke ngo-2024, waze wafumana imilo emibini kulonyaka ophelileyo.