Izangxa zaseSoweto, i-Orlando Pirates, ibhengezile emva kwemini ngoLwesine ukuba isolule ngeminyaka emihlanu isivumelwano sayo nequmrhu laseJamani nelenza impahla yokunxiba nokudlala, u-Adidas.
“Ubudlelwane bethu no-Adidas buhamba ngaphaya kwenkxaso eqhelekileyo. Luqhogwano olwakhelwe kwintembeko macala onke kunye neminqweno efanayo yokukhulisa i-Orlando Pirates nangaphaya kwemida yeli,” utshilo usihlalo wePirates u-Irvin Khoza.
UKhoza wongeze wathi: “Ukufikelela kwiminyaka engamashumi amathathu sikunye yinto encomekayo kwihlabathi lemidlalo, kwaye kubonakalisa ingqiniseko yethu eqhubeleni phambili nohambo lwethu sikunye.”