Echazwa njengembethi-manqindi eluhlobo olulodwa nekwaziyo ukulwa, uSimamkele Tutsheni uzakuvula unyaka weGolden Gloves kude kwilizwe lasePoland xa esilwa noLaura Monika Grzyb ngeCawa umhla weshumi elinesihlanu kuMatshi.
UTutsheni uzakulinga ukubetha lommi wasePoland xa besilwela intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight eMiasto Jastrzębie-Zdrój.
“Kudala ndinqwenela ukulwela intshinga yehlabathi. Ndiyayazi ukuba lomntu endizakulwa naye uzakuba nabalandeli abaninzi kuba uzakulwela ekhaya, kodwa ayindoyikisi lonto. Ndikholelwa ukuba ndisethubeni elihle kakhulu lokuwuphumelela lomlo. Eliyinene lelokokuba ndiyokuthabatha intshinga phaya ePoland,” utshilo uTutsheni.
UTutsheni, oyinjinga ye-IBO All-Africa kwicandelo lobasetyhini kudidi lwejunior-featherweight, uyiphumelele yosibhozo imilo yakhe, wanqumamisa oosisi abathathu. Waphumelela lentshinga ye-IBO All-Africa emva kokubetha uCaleigh Swart ngamanqaku e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo.
Ngokokutsho komqondiisi weGolden Gloves, uRodney Berman, uTutsheni ukhule kakhulu nanjengokuba engekabethwa nje emva kokubetha uSwart.
“Ndiwabonile amanina azimbethi-manqindi, kwaye ndonelisekile kukuba unethuba elihle kakhulu lokonyukela encotsheni,” utshilo uBerman.
Kusenjalo, ukulandela emva kokuba eguqukele emanqindini uGrzyb waseJastrzębie-Zdrój waphumelela imilo engaphaya kwekhulu kudidi lwabangahlawulwayo.
UGrzyb, oneminyaka engamashumi amthathu nowaphumelela iwonga le-2023 Best Polish Professional Female Boxer, uyiphumelele yolishumi elinanye imilo yakhe, enqumamise oosisi abathathu. – Monwabisi Jimlongo