I-Orlando Pirates ifake iLamontville Golden Arrows ehlazweni, iyibhulela amasaka ngamanqaku amahlanu eqandeni kumdlalo weBetway Premiership e-Orlando Amstel Arena, Soweto, ngokuhlwa ngoLwesibini. 

IiBuccaneers zikhawuleze zaphala phambili ngenqaku elifakwe nguRelebohile Mofokeng ngomzuzu weshumi elinesithandathu. Kwimizuzu elishumi elinesine elandelayo, u-Oswin Appollis ufake inqaku lesibini.

Emva kokuzama kwakhona, kwimizuzu emithandathu elandelayo, iiBuccaneers zihambele phambili emva kokuba u-Ayabulela Maxwele ehlabe ngomkhonto ekhaya kwibhola ebisuka kuMasindi Confidence Nemtajela. UMofokeng uthe akakagqibi njengokuba efake inqaku lakhe lesibini nelesine lePirates ngomzuzu wamashumi amathandathu ananye. 

U-Appollis uzekemzekweni efaka inqaku lakhe lesibini njengokuba iPirates ihambe phambili ngamanqaku amahlanu eqandeni. Kungoku nje, iPirates ifake amanqaku alishumi elinanye kwimidlalo yayo emibini yokugqibela, kwaye akufakwanga nelinye kuyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php