IPremier Boxing Champions (PBC) iphumelele kukhuphiswano lokokuba ngubani na ozakuthelekisa uLerato ‘Lights Out’ Dlamini waseMzantsi Afrika nommi wase-Ukraine u-Arnold Khegai.

UDlamini noKhegai bazokulwa ukwenzela ukuba omnye wabo azibeke ethubeni elihle lokulwela intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba.

Ngaphambili, lomlo kwakuthiwe uzakwenziwa yiTop Rank kaBob Arum, kodwa akuzange kuvunyelwana ngemali.

Emva koko umqeqeshi nomlawuli kaDlamini uColin ‘Nomakanjani’ Nathan wabhalela usihlalo wobuntshatsheli kwi-IBF uCarlos Ortiz emyalela ukuba akhwebe abantu abanomdla wokwenza lomlo.

UDlamini waseWelkom eFreystata ubekwa kwindawo yesibini kwi-IBF, logama uKhegai esezantsi kwakhe. 

Ngahle lomlo ubengoJulayi, kwaye uDlamini uzakubayimbethi-manqindi yaseMzantsi Afrika yesibini ukulwa kwitumente yePBC. 

UChris van Heerden yimbethi-manqindi yokuqala ephuma eMzantsi Afrika ukulwa kwitumente yePBC njengokuba wabethwa ngu-Errol Spence Junior waseMelika ngoSeptemba 2015.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php