Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ubhengeze iqela elinabadlali abangamashumi amathathu anesithandathu ngaphambi kwemidlalo yemfezeko yeNdebe yeHlabathi yango-2026.

IBafana izakutyelela e-Uyo kwelaseNigeria, eNtshona Afrika, apho izakudlala khona umdlalo wemfezeko kunye neeSuper Eagles ngoLwesihlanu umhla wesixhenxe.

Kwiintsuku ezine emva koko, amakhwenkwe kaBroos azakuqubisana neeWarriors zaseZimbabwe komnye umdlalo wemfezeko eFree State Stadium, eBloemfontein.

Kusenjalo, uBroos, owayeqeqesha ii-Indomitable Lions, uzakulicutha inani labadlali libengamashumi amabini anesitanesithathu kwezintsuku zizayo. 

Eliqela:

Ronwen Williams, Bruce Bvuma, Ricardo Goss, Veli Mothwa, Nyiko Mobbie, Innocent Maela, Given Msimango, Khuliso Mudau, Siyabonga Ngezana, Thabiso Monyane, Nkosinathi Sibisi, Mothobi Mvala, Terrence Mashego, Grant Kekana, Thapelo Morena, Aubrey Modiba, Tapelo Xoki, Thabo Moloisane, Teboho Mokoena, Bathusi Aubaas, Grant Margeman, Sphephelo Sithole, Jayden Adams, Themba Zwane, Patrick Maswanganyi, Tshepang Moremi, Evidence Makgopa, Mihlali Mayambela, Devin Titus, Mlondi Mbanjwa, Elias Mokwana, Percy Tau, Oswin Appollis, Iqraam Rayners, Lyle Foster, Relebohile Mofokeng

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php