Njengokuba bekulindelekile, iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ikhwebe ingqungquthela nonoondaba ngentsimbi yokuqala emva kwemini ngoMvulo kuleveki ezayo.

Umba otshisa ebunzi ngowokutyunjwa kwebhodi entsha kaBoxing South Africa (BSA), kwaye nguwo kuphela ozakuchotshelwa kulengqungquthela nonoondaba. 

UMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uZizi Kodwa ubhengeze amalungu asixhenxe kwibhodi entsha kaBSA ngoLwesibini. Ekuqaleni, ibingamalungu alishumi elinesine abebekwe kuluhlu lokugqibela obeluzigqatsele kwizikhundla zalebhodi.

UKodwa utyumbe uSifiso Shongwe njengosihlalo webhodi ezakusebenza noGqirha Koketso Tsebe, uLuxolo September, uSakhiwe Sodo, uNande Mheshe, uRomy Titus noGqirha Luvuyo Bayeni. 

Kulindeleke ukuba iNPBPA ivakalise inyathelo ezakulithabatha kulandela isibhengezo sikaKodwa. INPBPA yasa uKodwa kwinkundla yamatyala, yaze yaphumelela ukuthintela ibhodi kaBSA ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php