Nangona nje umqeqeshi kaSiphesihle Sityo esithi akakhange ankwantye njengokuba alile ukulwa noSiyakholwa Kuse, uKholisile Cengani uvumile ukuba abalithabathanga ithuba lokulwa nentshantsheli yoMzantsi Afrika.

Ebekwa kwindawo yokuqala kumanqwanqwa odidi lweminimumweight eMzantsi Afrika, uSityo ebenikwe ithuba lokucela umngeni kuKuse waseMdantsane kulenyanga ezayo. 

UKuse kufanele akhusele intshinga yakhe okokuqala ukususela mhla wayiphumelela emva kokubetha uBangile Nyangani e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

“Asivumanga kuba sinikwe ixeshana elincinane. Besingazokubanalo ixesha elaneleyo lokulungiselela umlo wentshinga yoMzantsi Afrika. Ibingasoze ibeyinto entle ukuthabatha umlo sisazi ukuba asizokuwulungela,” utshilo uCengani.  

USityo ushiye uMapetla Mzamo wabuyela kuCengani, obuyele emanqindini emva kokuwunikela umva umdlalo wamanqindi kulonyaka ophelileyo.  

Lentshatsheli yodidi lweminimumweight eMpuma Koloni ibuyele kuCengani emva kweeveki ezimbini inqumamise uZukisa Mafu kumjikelo wesine eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, kulenyanga ephelileyo.

USityo uphumelele imilo esibhozo, enqumamise amadoda amahlanu, wabethwa komnye, waphinda walwa ngokulingana komnye.

Ukanti, uKuse yena uphumelele imilo emithandathu, enqumamise amadoda amathathu, wabethwa kabini, waze walwa ngokulinganayo kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php