Iqela elithotyelwe ngezantsi, lisuka kwi-English Premier League, iBurnley FC, ikuqinisekisile ukuba uVincent Kompany umkile wayokuba ngumqeqeshi omtsha weqela laseJamani iBayern Munich.

UKompany, oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo nowayedlalela iqela lesizwe laseBelgium, utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu neenkunzi zeBundesliga. 

“Singaqinisekisa ukuba iBurnley FC ifikelele kwisivumelwano esivumela ukuba uVincent Kompany ayishiye iTurf Moor. Ngexa sasiqinisekile ukuba uzakuhlala, ukuguquguquka kwezinto kwenza ukuba ibenzima lonto,” itshilo iBurnley emva kwemini ngoLwesithathu.

“Siyasiqonda isidima seqela elifana neBayern Munich, kwaye siyawuhlonipha umnqweno kaVincent wokukhangela amakriwa aluhlaza. Simnqwenelela okuhle kodwa, kwaye sibulela, sincoma ukuzinikela kwakhe ngalo lonke ixesha ebeyinxalenye yeliqela lebhola ekhatywayo.” 

IBurnley ithe injongo yayo ephambili kukuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kweliqela, lize liphinde lilwele ukubuyela kwi-English Premier League.

“Eyona nto ephambili luzinzo nempumelelo lweBurnley FC, kwaye sizakuqhubela phambili nokuthabatha amanyathelo ayimfuneko ukuqinisekisa ukuba umnqweno wethu uyazaliseka – ukubuyela kwiPremier League. Sele siqalile ngephulo lokufuna umlawuli omtsha, kwaye sizakwenza isibhengezo kungekudala,” litshilo eliqela.  

Kusenjalo, uKompany uthethe wenjenje ngokuqeshwa kwakhe: “Ndikhangele phambili kumcelimngeni kwiFC Bayern. Liwonga elikhulu ukusebenzela eliqela, iFC Bayern ingumzi kwibhola ekhatywayo yamazwe ngamazwe. Njengomqeqeshi, kufuneka uyimele into yakho nokokuba ungubani na wena. 

“Ndiyawuthanda umdlalo wokubamba ibhola, ukwakha nokucingisisa nokubheka phambili nesibindi. Ndijonge phambili kwizinto ezisisiseko, ukusebenza nabadlali nokwakha iqela. Impumelelo iyakulandela xa iziseko zikhona.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php