UMorgan Mammila, ogxothiweyo njengetechnical director yeChippa United, udize ukuba usihlalo weeChilli Boys uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi akananto yakwenza nokugxothwa kwakhe kweliqela laseMpuma Koloni.
Ethetha kwiMetrofm ngokuhlwa kwangoLwesithathu, uMammila uthe abanye abantu abasebenza kwiiChili Boys ngabo abamnike uphuma-phele kweliqela.
“Ndim ndedwa umqeqeshi owaqala wade wayigqiba isizini. Ndingaqinisekisa ukuba ma nomhlobo wam (Mpengesi) asisasebenzi kunye. Ayinguye usihlalo ondigxothileyo,” utshilo uMammila ngethuba ethetha kwiMetrofm.
“Ndicinga uyayazi ukuba ndigxothwe ngubani na. Mna naye siyathetha, kodwa ayinguye ozise kum ezindaba. Ezindaba ziziswe kum ngabomthetho kweliqela. Zikhona nezinye izizathu. Ndinqwenela ukuthi kanti bendizazi nezinye izizathu. Mna ndingumntu apha ongathandiyo ukubuza ukuba zithini na izizathu. Besithethile kuleveki ephelileyo. Ngokuphandle, nasenyanisweni, ayinguye usihlalo ondigxothileyo. Abantu abalawula kwelaqela ngabo abandigxothileyo.”
UMammila uquqe ebuyelela kwiiChilli Boys zaseGqeberha izihlandlo ezintathu, esebenza njengomqeqeshi, ingqonyela netechnical director.
Emva kokufeda ukuza neziphumo ezintle, lengqonyela yamhlamnene kwiBaroka FC yadedela uThabo September noKwanele Kopo ukuba babengabaqeqeshi ababambe ilima kwiiChilli Boys.