Awusekho umlo phakathi kweembethi-manqindi zaseMpuma Koloni uNozipho Bell noBukiwe Nonina, mlo lowo ekwakucingeleka ukuba iyakuba ngowona mkhulu kwabasetyhini boMzantsi Afrika.
Kulenyanga ephelileyo, uBell wayezakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight xa esilwa noNonina, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika neWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwentambanani.
Kodwa lomlo wamiswa emva kokuba umthelekisi kaNonina, uJoyce Kungwane weTLB Boxing Promotions kwafuneka ayokulungisa izinto ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika.
“Lomlo kwakufanele ukuba ubekhona ngempela-nyanga ka-Epreli. Umthelekisi kaNonina wanditsalela umnxeba ecela ukuba kuliwe ngoJuni kuba wayexakeke ngaphandle kweli embindini ka-Epreli. Andizange ndibenengxaki nalonto kuba ndandifuna uBell afumane umlo wokuzifudumeza ngaphambi kokulwa noNonina,” utshilo uLonki Witbooi, ongumqeqeshi nomlawuli kaBell.
“Saphinda safumana ithuba lokulwa eBloemfontein. Ngelishwa ke, nawo lomlo wamiswa. Kwiiveki ezimbalwa ezigqithileyo ndifumene umnxeba osuka kumthelekisi kaNonina esicebisa ukuba siqhubele phambili namacebo ethu okulwa namntu wumbi.”
Enalonto engqondweni, uWitbooi uxoza mphini wumbi njengokuba ekholelwa ukuba uBell, osuka eWalmer, eGqeberha, ufanelwe kukulwa ngaphandle ngoku.
“UBell akanalo ukhuphiswano apha ekhaya. Uluvo lwam lolokokuba umlo noNonina ubungazokumnceda nganto. Icebo lam belihleli ilelokokuba alwe kube kanye apha ekhaya, akugqiba alwe ngaphandle. Ngamafutshane, ndithi awukho umlo noNonina,” uqukumbele watsho uWitbooi. – Monwabisi Jimlongo