UColin ‘Nomakanjani’ Nathan wongeze intshatsheli yoMzantsi Afrika ne-IBF International kudidi lwejunior-bantamweight uPhumelela “The Truth” Cafu kuluhlu lweembethi-manqindi eziphantsi kwesandla sakhe.

UCafu, obekwa kwindawo ephezulu emanqindini, ebenesivumelwano sokuthelekiswa yiZbashy Promotions kaSibongile Matiti-Mpofu. Esisivumelwano siphelelwa ngomhla weshumi elinesihlanu kuJuni.

“Ewe, liyinene elokokuba ndiphantsi kukaNomakanjani ngoku. Kudala ndinqwenela ukuqeqeshwa nguye kwangaphambi kokuba ndingene kudidi lwabahlawulwayo. Ndifuna ukuba yintshatsheli yehlabathi, kwaye ndikholelwa ukuba ndingalifezekisa elophupha ngaphantsi kukaColin,” utshilo uCafu.

UNathan uphefumle wenjenje: “Ngaphandle kwamathandabuzo, uyeyona mbethi-manqindi ephambili kudidi lwejunior-bantamweight eMzantsi Afrika. Usemtsha, kwaye unesakhono nesiphiwo. Andiyicingi neyokokuba sele efikelele encontsheni ngoku. Isivumelwano sakhe sokuthelekiswa siphelelwa ngomhla weshumi elinesihlanu kuJuni. 

“Wayecacisile uCafu ngethuba eqala ukuthetha nam esithi ufuna ukuzokuhlala eRhawutini ukuze azokuqeqeshwa ndim, aphinde alawulwe liqumrhu lam. Ndibenentlanganiso nogxa wam uLarry (Wainstein), sathetha ngokokokuba uCafu azibandakanye neBoxing 5 kunye neNO DOUBT Management. Ayizange ibeyinto enzima leyo.”

UCafu, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, ubekwa kwindawo yeshumi elinanye yiWorld Boxing Council (WBC), ukwindawo yesixhenxe kwiWorld Boxing Association (WBA), kwindawo yesine kwi-IBF nakwindawo yesithathu kwiWorld Boxing Organisation (WBO). 

“Injongo kukumsa kumlo wentshinga yehlabathi. Izakunikisa umdla ukubona ukuba kuzakwenzeka ntoni na emva komhla wesixhenxe kuJuly apho uFernando Martinez noKazuto Ioka bazakube bedibanisa iintshinga ze-IBF neWBO. Ndingadizanga mahlebo, ikhona into ezayo. Ndithetha inyaniso yodwa kwiimbethi-manqindi zam kuba ndifuna okuhle kodwa kuzo,”utshilo uNathan. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php