Umkile uPhakamile Jacobs, kwaye akukho mathandabuzo ukuba abalandeli bamanqindi abasayikuze bamlibale njengokuba esadla amazimba nje.
Ukususwa esikhundleni kukaJacobs, owayesakuba namandla elulawulweni, kubhiyozelwe ngabantu abaninzi ukusuka ezantsi eNtshona Koloni ukuya phezulu eLimpopo.
Imincili novuyo olubonakaliswe ngabathandi bamanqindi kube ngathi bahleli inkulungwane yonke belindele luphele ulawulo lukaJacobs, obengumlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eMpuma Koloni.
Xa sijonga nje kuleminyaka embalwa egqithileyo, ubani angatsho athi uzenzile akakhalelwa njengokuba uJacobs inguye ozizisele amashwa. Zininzi kakhulu izinto ezitenxileyo azenzileyo, kodwa kungekho mntu omfaka endleleni.
Indlela ebephatha ngayo abantu abaneempepha zokusetyenzelwa nguBSA akukhange kumphumelelise, kungakhange kumzuzele bahlobo ngaphandle kwabo bebemsebenzisa ukufezekisa iinjongo zabo.
Ibihlekisa indlela abantu abaphendule ngayo kumanqaku abhalwe ngokususwa kwakhe esikhundleni. Bambi bathe abalandeli bamanqindi eMonti kufuneka bose inyama unyaka wonke bebhiyozela ukumka kukaJacobs emanqindini.
Kukho isifundo esikhulu esifanele ukufundwa kuyo yonke lengxaki kaJacobs. Isifundo kuthi sonke abantu abangawa nanini na kukuba ngawo onke amaxesha sifunde ukuhlonipha nokuphatha ngokulinganayo wonke umntu. Kufuneka ngamaxesha onke sizamele ukutyeshela yonke imikhuba ye-Animal Farm.