Kuqhuma umoya wovukelo eKapa njengokuba kucetywa ukuvukela umlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eNtshona naseMntla Koloni uMzoli Tempi.

I-Ink Sport ingaveza ukuba inani elivisayo labaneempepha zokusebenza phantsi kukaBSA eNtshona Koloni lizakudibana kwintlanganiso ecetyelwe loMgqibelo esiya kuwo eKhayelitsha, kwaye igama likaTempi lizakuba sematheni. 

Sele kucacile ukuba abanye, ukuba ayingabo bonke, ababize lentlanganiso bafuna uTempi ayishiye indawo njengokuba bemtyhola ngokukhetha iphela emasini. 

“Sizakubanentlanganiso ngoMgqibelo. Ininzi into ekufuneka sithethe ngayo njengabaqeqeshi nabalawuli. Sijongelwa phantsi apha eNtshona Koloni. Sizintloko zenyoka kumdlalo wamanqindi, kodwa kuthethwa nathi ngokungengathi singabantwana. Kufuneka sikhusele iimbethi-manqindi zethu kunye nesidima samanqindi,” utshilo u-Emil Brice, ongumqeqeshi ozinze eKapa. 

Omnye ovumeleke ukuba asebenze phantsi koBSA, nongathandanga ukuba lipapashwe igama lakhe, uthe: “Ndivile ukuba kukho abantu abangonwabanga ngendlela izinto ezenziwa ngayo, kwaye bafuna aphume uPM. Kodwa ndizakuba neenkcukacha ezithe vetshe xa sele ndive ukuba bathini na abantu kulantlanganiso.”

UTempi, oyinzalelwane yaseBuffalo City Metro nosele engumhlali waseKapa isithuba esingaphaya kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uqinisekiswe njengomlawuli kaBSA eNtshona naseMntla Koloni kulenyanga ephelileyo.  

Enikwa ithuba ukuba azithethelele, uTempi uthe: “Ndingathanda ukuba ndingahlomli ngalomba.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php