Ekugqibeleni uMgqibelo umhla wamashumi amabini anasine ku-Agasti lusuku apho impinda yomlo phakathi kommi woMzantsi Afrika uLerato ‘Lights Out’ Dlamini kunye nentshatsheli yehlabathi yamhlamnene uTomoki ‘El Mexicanito’ Kameda waseJapan. 

UDlamini noKameda bazakuqubisana kumlo wokuzibekela indawo kungquzulwano ngentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba e-Osaka kwelaseJapan. Le yimpinda yomlo wonyaka ophelileyo nowaphunyelelwa nguDlamini, oyinzalelwane yaseWelkom. 

UDlamini, oneminyaka engamashumi amathathu, wabetha uKameda, owayeyinjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwentambanani, ngamanqaku e-Ota-City General Gymnasium, eTokyo, ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo.

“Kutyikityiwe, kugqityiwe. ULerato ubesoloko ethembele kuyo yonke lenkqubo, kwaye ebenomonde ngethuba kusenzeka yonke lento. Ndamxelela ukuba uzakuphinda alwe noKameda. Nantsi iyenzeka lonto ngoku,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumlawuli nomqeqeshi kaDlamini. 

Ukanti, uDlamini uvakale esithi ngethuba ethetha ngalempinda yomlo: “Ndivuya kakhulu ngokufumana ithuba lokuba kwindawo yokuqala. Ndizakuphumelela, ndizakumnqumamisa.”

Ophumeleleyo kulomlo wango-Agasti uzakuzibeka ethubeni lokucela umngeni kwintshinga yehlabathi ephethwe nguLuis Alberto Lopez Vargas waseMexico. ULopez, oneminyaka engamashumi amathathu, uzakukhusela intshinga yakhe ku-Angelo Leo waseMelika ngo-Okthobha. 

Kusenjalo, uDlamini ubekwa kwindawo yesibini kwi-IBF nakwindawo yeshumi elinesine kwiWorld Boxing Council (WBC), logama uKameda ekwindawo yesithathu kwi-IBF, kwindawo yeshumi elinambini kwiWBC nakwindawo yethoba kwiWorld Boxing Organisation (WBO). – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php