Ngelingeni uSiyakholwa Kuse uzakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight emva konyaka wayiphumelela ebetha uBangile Nyangani kumlo owawuyimpinda e-International Convention Centre (ICC) eMonti. 

UKuse, okwayinjinga ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight, uzakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kuMalaki Sobolo, oqeqeshwa nguMapetla Mzamo, ngeCawa umhla wesine ku-Agasti. 

Lenzalelwane yaseMdantsane ayikalwi kususela mhla yanqumamisa uKhalid Kalama Ally waseTanzania kumjikelo wesibhozo kumlo wentshinga ye-ABU eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. 

Kwelinye icala, uSobolo waseDuncan Village, eMonti, nobekwa kwindawo yesithathu, uya kulomlo emva kokubetha uPhumlani Maloni waseMakhanda ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. 

Kusenjalo, uKuse kwakufanele ukuba ukhusela intshinga yakhe kuSiphesihle Sityo, kodwa lomfana uye wathi gu bucala emva kwelishwa lokonzakala ngethuba ehlaselwa ziindladiya. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php