Uzakubuyela eqongeni kwakhona emva konyaka owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha njengokuba enomlo ekuthwaseni kwalenyanga ezayo. 

UTyirha, oqeqeshwa yinjinga yamhlamnene kudidi lwempukane eMzantsi Afrika uMakazole Tete e-All Winners Boxing Club eMdantsane, wehlele kudidi lweminimumweight, kwaye uzakulwa ngeCawa umhla wesine ku-Agasti.

Lenzalelwane yaseMdantsane bekufanele ukuba ilwa nentshatsheli yaKwaZulu-Natal kudidi lweminimumweight uThami ‘Bhubesi’ Luthuli. Kodwa abaphathi bakaLuthuli benze ingwijikhwebu besithi lomfana waseNkandla uzakulwa eRhawutini kulenyanga ezayo.  

UTyirha akakalwi ukususela mhla wothuswa nguGeorge Kandulo waseMalawi emnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php