Intlanganiso ebekuthiwe izakukhokelela ekuguzulweni komlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eNtshona naseMntla Koloni uMzoli Tempi iphelele eluhayini njengokuba ingaphumanga nasigqibo sokususa umntu. 

Abanamaphepha okusebenza kumanqindi kaBSA eNtshona Koloni bebehlangene kwintlanganiso apho ngaphambili bekuthiwe umba otshisa ebunzi ngowokushenxiswa kukaTempi, obonwa njengomqobo ngabanye. 

Ishumi elinambini labanamaphepha okusebenza phantsi kukaBSA abakhange bawushukuxe umba wokushenxiswa kukaTempi. Endaweni yoko, baxoxe ngemiba esukela kubathelekisi abangazilwisiyo ezinye iimbethi-manqindi ukuyo kuthi ga kwiimpazamo zoosompempe nabagwebi. 

“Ibintle kakhulu intlanganiso ebihleli e-9 SAI nangona nje bekubanda kukho nomoya otswikilayo. Zonke izinto ebezifuna ukuqatshelwa ziye zaqatshelwa,” utshilo u-Allan Dillon, obengunobhala kulentlanganiso. 

“Wonke umntu uvumile ukuba kuninzi okufanele ukwenziwa ngumntu wonke emanqindini ukuphucula izinga leembethi-manqindi, abaqeqeshi, oomanejala, oosompempe nabagwebi. UBoxing South Africa udlala indima ebaluleke kakhulu ekufezekiseni oku, kwaye sizakuthi gqolo sithethisana nabo ukuze izinto zizokwenzeka.” 

Ngokwemizuzu yalentlanganiso, umthelekisi otyholwa ngamaqhinga uByenda Allen Chizungu weMaxim Boxing Promotions ukhalaze ngokungabinabudlelwane buhle noTempi. Emva koko awukhange uphinde ugwadlwe lomba lowo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php