Kwenziwa amatiletile okuzisa eMzantsi Afrika isihlandlo sesine imbethi-manqindi yaseJapan uKatsunari Takayama ukuba azokulwa nenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uMpumelelo Tshabalala.
UTakayama, oneminyaka engamashumi amane ananye, ongowase-Osaka kwelaseJapan akakatyeleli eMzantsi Afrika kususela mhla wabethwa yintshatsheli yamhlamnene kwi-International Boxing Federation (IBF) kudidi lweminimumweight uNkosinathi ‘Mabhere’ Joyi ngoMatshi 2012.
Umthelekisi kwiXaba Promotions uLwandile ‘Jazz’ Ntsito uthethe wathi ngethuba ebuzwa ngoTakayama: “Akukho nto endiyaziyo ngokuziswa kukaTakayama apha.”
UTakayama ubeyintshatsheli yehlabathi izihlandlo ezintlanu, ephumelela iintshinga ze-IBF neWorld Boxing Organisation (WBO) kabini inye. Ukwayiyo nentshatsheli yamhlamnene kwiWorld Boxing Council (WBC) kudidi lweminimumweight.
Kusenjalo, uTshabalala waseKatlehong, Ekurhuleni, ugqibele ukulwa ngethuba ebetha uJesse Espinas wasePhilippines e-Orlando East, eSoweto, ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo.