UFrance Ramabolu akafuni nokuva oku, kwaye akazimiselanga ‘ukungcatsha’ umkhaya wakhe uLerato ‘Lights Out’ Dlamini ozakulwa noTomoki Kameda waseJapan eJapan kulenyanga ezayo. 

UDlamini uzakulwa noKameda kwilinge lokuzibekela indawo kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba eYamato Arena, e-Osaka, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine ku-Agasti.  

Ukwala kukaRamabolu kulandela emva kokuba iimbethi-manqindi zakhe uBheki Maitse noJohn Paul Masamba ziye eJapan ziyokuncedisa uKameda kumalungiselelo omlo noDlamini. 

“ULerato ngumfana wam, mna naye singamathe nolwimi. Bendingazokuya eJapan nokokuba bebendimemile. Ayikho nenye into endinokuyenza ukuphanzisa amalinge kaLerato,” utshio uRamabolu. 

“Usuka eWelkom, mna ndivela eVirginia. Yimizuzu elishumi elinesihlanu ukusuka kwikhaya lomnye ukuya kwelomnye. Ndiyamazi umama wakhe, ndazi wonke umntu kusapho lwakhe, naye wazi wonke umntu kusapho lwam. Andimazi kwaKameda lowo, andiyazi kwa inkampu yakhe.”

Ethetha malunga nokuhamba kukaMaitse noMasamba, uRamabolu, owayeyinjinga ye-IBF Africa kudidi lwejunior-middleweight, uthe: “AmaJapani ebefuna iimbethi-manqindi, kwaye ke ukuzikhulula ibingesiso isigqibo sam. Kodwa ke kwakhona, lithuba lokokokuba ababafana bayokufunda.”

Lo ngumlo oyimpinda phakathi kukaDlamini noKameda njengokuba babelwile ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. UDlamini wabetha uKameda ngamanqaku. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php