Abusayikuphinda bufane nakuqala ubomi bomqeqeshi wamanqindi waseMonti uLuvuyo Tyamzashe njengokuba uMphathiswa weZemidlalo uGayton McKenzie ebenze babalula emva kokumpha isitulo esinamavili salamaxesha nesizihambelayo.  

UMcKenzie uye wasebenza emva kokuba umlawuli weMshu One Management u-Andile Mshumpela wamcela ukuba ancede uTyamzashe ngesitulo esizihambelayo. UTyamzashe, oqeqesha eLuvuyo Boxing Club eMdantsane, wazibona sele ehamba ngesitulo esinamavili emva kokonzakala kumlo noClay Gubevu eMdantsane ngoJuni 1985. 

“Ndibulela kakhulu kuMphathiswa ngesisitulo esizihambelayo, sizakundinceda. Ndizakukwazi ukuziyela kwindawo yokuziqeqesha ndingakhange ndincedwe ngumntu. Sizakundinceda naxa ndifuna ukuyokuzithengela izinto kudederhu lweeveki,” utshilo uTyamzashe, obechwayitile. 

UMcKenzie uphinde wanika uTyamzashe, oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini, ikhulu lamawaka eerandi.

“NdandiseMonti apho elinye inene leza kum, lacelela uLuvuyo, owonzakala eqongeni, isitulo esinamavili. Ebesebenzisa isitulo esidala nesisokolisayo. Luvuyo, ndifuna ukukunika esisisitulo. Luvuyo, ndifuna ukukunika ikhulu lamawaka eerandi esuka kwiSebe leZemidlalo. Awuzange uwanikele umva amanqindi emva kokonzakala kwakho,” utshilo uMcKenzie. 

Njengophawu lobuntu, uMcKenzie uthe jize uMshumpela, ongumlawuli waseLuvuyo Boxing, ngamashumi amabini amawaka eerandi.

“Ndifuna ukukubulela, ungumhlobo wenene. Ngenxa yobuhlobo bakho benene, mna nesebe sikunika amashumi amabini amawaka eerandi,” utshilo uMcKenzie.   

UMshumpela, obevakalelwa, uthe: “Ndichwayitile, ndiyavuya kuba uMphathiswa usizalisekisile isithembiso sakhe sokufumanela ubhuti Luvuyo isitulo esinamavili, salemihla. Khumbula ukuba ebesima ngokuncedwa ziintambo xa esekoneni. Esisitulo sizakumnceda kakhulu azokutsho akwazi nokuma xa ecofe iqhosha.

“Akasoze aphinde angafiki ngexesha kwindawo yokuziqeqesha. Akusoze kuphinde kubekho imfuno yokuchaza ukuba uphi, esenza ntoni na. Ngaphezu kwako konke oko, uMphathiswa uphinde wamnika isixa-mali esilikhulu lamaqaka kuba qonzakala eqongeni.” 

UMshumpela wongeze wathi: “Ndizive ndithobekile ngenxa kamphathiswa, ndiye ndavakalelwa xa egxola kububele endibenzele ubhuti Luvuyo, wagqiba kwelokokuba andiphe amashumi amabini amawaka eerandi. Ibilixesha leemvakalelo kum kuba andilindelanga ntlawulo xa ndisenza izinto, kodwa ugqibe ekubeni andinike esasixa semali. Ndinqwenela ukuba uMongameli Ramphosa amgcine uMphathiswa kwesasikhundla kuba udlala indima ebaluleke kakhulu kwiimbethi-manqindi zangoku nezakudala.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php