Emva kokuyithi xibilili esikalini intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight kwiinyanga ezine ezigqithileyo, ngoku uLwando Mgabi ufuna ukuyiphumelela kwakhona lentshinga.

Lenzalelwane yaseDuncan Village nezinze eKhayelitsha, eKapa, yehliselwa kwindawo yesithathu emva kokuphulukana nentshinga yayo kulandela ukufeda kwayo ukwenza ubunzima obulindelekileyo ngaphambi kokunqumamisa uSechaba Zuma kumjikelo wesihlanu e-Estcourt, KwaZulu-Natal, ngoJuni. 

Ngoku uMgabi ucela umngeni kuMoyisi Booi, osandula ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight. UBooi uphumelele lentshinga emva kokunqumamisa uNtethelelo Magcaba kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre, eMonti, kuleCawa egqithileyo. 

“Silufakile ngoLwesithathu uxwebhu lokucela umngeni, kwaye uBoxing South Africa ungqinile ukuba ulufumene,” utshilo uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaMgabi. 

UMgabi, oyiphumelele yolithoba imilo yakhe, enqumamise amadoda amane, uphumelele imilo yakhe emibini yokugqibela ngokunqumamisa uZuma no-Ayanda Gangqa ngoJuni nango-Agasti ngokulandelelana. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php