Nangona nje ungekabhengezwa ngokusemthethweni umlo wabo, intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight uMoyisi Booi uwamkele umcelimngeni ofakwe nguLwando Mgabi, kwaye uthi ingathi awusafiki umhla womlo wabo.
UBooi, ophumelele lentshinga emva kokunqumamisa uNtethelelo Magcaba kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre, eMonti, kwisithuba esingaphaya kweveki, uthi akukho nto aza nayo uMgabi, kwaye uzakufeda xa esilwa naye.
“Siyayazi ukuba uLwando uthetha kakhulu, logama mna ndingathethi kakhulu. Ndizakumbonisa into endizakuyenza eqongeni. Inye eyona nto endiqiniseke ngayo kukuba intshinga yam ayiyindawo. Lentshinga yeyam, kwaye akekho umntu ozakuma phambi kwam,” utshilo uBooi.
UBooi, oyinzalelwane yaseMdantsane, wongeze ngelithi: “ULwando makayincame into yokuphinda aphumelele lentshinga. Wadlala ngexesha lakhe, waze waphulukana nalentshinga ngenxa yokungakwazi ukuziphatha. Kwaye futhi kungenzeka ndimnqumamise xa silwayo.”
Kusenjalo, uMgabi waphulukana nentshinga yakhe emva kokoyiswa kukwenza ubunzima obamkelekileyo ngaphambi kokunqumamisa uSechaba Zuma kumjikelo wesihlanu e-Estcourt kwiinyanga ezine ezigqithileyo.
UMgabi akabethwa njengokuba eyiphumelele yolithoba imilo yakhe, enqumamise amadoda amane. Kwelinye icala, uBooi uphumelele imilo esixhenxe, wanqumamisa amadoda amahlanu, wabethwa kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo