Iphupha likaSiyakholwa Kuse lokulwela intshinga yehlabathi lizakuzalisekiseka xa esilwa nommi wasePhilippines uMelvin Jerusalem kwelasePhilippines ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anethoba ku-Okthobha.
UKuse kunye nomqeqeshi wakhe uManny Fernandes, usekela-mqeqeshi uRichard Fernandes nomlawuli wakhe uBrian Mitchell bazakunikela umva uMzantsi Afrika besingise ePhilippines ngoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye ku-Okthobha.
“Siyanduluka ngomhla wamashumi amabini ananye kulenyanga. Ndingakuxelela ndithi uKuse uya ephuchuka ngokuphucuka. Ndilindele ukuba alwe kakuhle kakhulu, kwaye makhulu amathuba ethu okuphumelela lomlo nangona nje sizakulwela kude nekhaya,” uphefumle watsho uFernandes.
UKuse, ozakube elinga ukuba yimbethi-manqindi yokuqala eMpuma Koloni ukuphumelela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) nanjengokuba ewulungiselele lomlo weWBC kudidi lwemini-flyweight ngokuzilolonga noonyana bakwaMalajika – uRicardo, oyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight nomninawa wakhe uCharlton.
Ngoku, uKuse, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika ne-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight, uxakeke kukuzilolonga nommi waseZimbabwe uNdabezinhle Phiri.
“Ekuqaleni, besizilolonga noRicardo kunye noCharlton. Ngoku uKuse uzilolonga noPhiri, umntu endicinga ukuba ufanelekile kuba enobunzima obukhaphukhaphu,” utshilo uFernandes.
UKuse uzakuya kumlo noJerusalm emva kokubetha ummi wasePhilippines uSamuel Salva e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMeyi.
Kusenjalo, uJerusalem, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, wayiphumelela lentshinga yeWBC emva kokubetha ngamanqaku imbethi-manqindi yaseJapan nesele iyekile ukulwa ngoku uYudai Shigeoka eJapan ngoMatshi nyakenye.
UJerusalem uyikhusele kabini lentshinga yakhe – ebetha uShigeoka ngoMatshi kulonyaka noLuis Castillo waseMexico ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo