Into eyabhengezwa njengeyayizakuguqula ubume bamanqindi sele iguquke yabakukulinda ukuza kukaNxele njengokuba iphupha leSteve Tshwete Boxing Series kubonakala njengelingekazukuzaliseka.
Ibhengezwa nguMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie ngethuba kwakubanjwe inkomfa yamanqindi e-International Convention Centre (ICC), eMonti, iSteve Tshwete Boxing Series, eyayizakukhumbula ongasekhoyo uSteve Tshwete, yayizakuba yinxalenye yamanqindi oMzantsi Afrika.
Ethetha eFreedom Park, ePitoli, ngoMatshi, uMcKenzie wathi: “Kwiintsuku nje ezingamashumi amathandathu, sizakwenza itumente iSteve Tshwete eMonti, e-Orient Theatre, ikhaya lamanqindi.
“Ndifuna ukubona ukuba leliphi na iphondo eliphala phambili. Ndizakuqinisekisa ukuba abazukulwana bakaSteve Tshwete kunye nabazali babo bantingiselwa kuzo zonke iitumente ukuze bazokubona ukuba yayiyindoda enkulu kangakanani na utatomkhulu nomzali wabo.”
Letumente sele ilibaziseke ngethuba elingaphaya kweenyanga ezisixhenxe ukususela mhla yaqala ukubhengezwa nguMcKenzie.
Nangona ilibazisekile nje, ingqonyela kaBoxing South Africa (BSA) uTsholofelo Lejaka uthe: “Lusaqhuba uthethathethwano phakathi kukaBSA nesebe, kwaye sele sihambe umhlaba omkhulu, ingakumbi ngenyanga kaSeptemba.
“Sele sibenazo iintlanganiso ezinkulu ezimbini nozwelonke namaphondo ukucacisa indima ezakudlalwa ngamaphondo nokuzama ukuqinisekisa inxaxheba yawo, kwaye zonke izinto zihamba ngooNonina.”
Kusenjalo, kwabhengezwa ngoMatshi ukuba iSteve Tshwete Boxing Series izakubandakanya iimbethi-manqindi ezingamashumi asixhenxe anesibini, zisuka kuwo olithoba amaphondo aseMzantsi Afrika. Kwathiwa kuzakuthelekiswa iimbethi-manqindi eziphambili ezisuka kwiphondo ngalinye. – Monwabisi Jimlongo